Jump to content

Iqhenqa

Livela
Iqhenqa
IqhenqaUmfana oneminyaka engama-24 ubudala waseNorway, wosuleleka liqhenqa, 1886
IqhenqaUmfana oneminyaka engama-24 ubudala waseNorway, wosuleleka liqhenqa, 1886
Umfana oneminyaka engama-24 ubudala waseNorway, wosuleleka liqhenqa, 1886
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle
ICD/CIM-10A30 A30
ICD/CIM-9030 030
OMIM246300
DiseasesDB8478
MedlinePlus001347

Iqhenqa, elikwaziwa njengo-Hansen's disease (HD), lisisifo sexesha elide esibangelwa yi-bacteria Mycobacterium leprae ne-Mycobacterium lepromatosis.[1] Ekuqaleni, izifo azinazo iimpawu kwaye zihlala zinjalo ukusukela kwisi-5 ukuya kwiminyaka engama-20.[2][2] Iimpawu ezithi zivele ziquka ii-granuloma zemithambo-luvo, indlela yokuphefumla, isikhumba, namehlo. [2] [2] Oku kungabangela ukungabinakho ukuva intlungu kunye nokulahlekelwa ngamalungu ezandla neenyawo okubangelwa ngumonzakalo ophinda-phindayo okanye isifo esibangelwa ngamanxeba angaqatshelwanga.[4][3] Ubuthathaka kunye nokungaboni kakuhle nako kungakhona.[3]

Iqhenqa liyasasazeka phakathi kwabantu. Kukholeleka ukuba lenzeka ngokukhohlela okanye ngokudibana nencindi esuka kwimpumlo yomntu owosulelekileyo.[4] Iqhenqa lenzeka kakhulu phakathi kwabo bahlala entluphekweni kwaye kukholeleka ukuba lihanjiswa ngamathontsana okuphefumla.[3] Ngokuchasene nenkolelo eyaziwayo, alosuleli kakhulu.[3] Iindidi ezinkulu ezimbini zezifo zisekeke kwinani leentsholongwane ezikhoyo: i-paucibacillary ne-multibacillary.[3] Iindidi ezimbini zahlulwa luthotho lwe-lwezikhumba ezibi, iipetshi zezikhumba ezibi ezikhoyo, ezine-paucibacillary ezine-multibacillary ezintlanu okanye ezimbalwa nangaphezulu kwezintlanu.[3] Uxilongo lngqinisekiswa ngokufunyanwa kwe-acid-fast bacilli kuxilongo lwesicwili sesikhumba okanye ngokufumana i-DNA kusetyenziswa i-polymerase chain reaction.[3]

Iqhenqa liyanyangeka ngonyango olwaziwa njenge-multidrug therapy (MDT).[2] Unyango lweqhenqa le-paucibacillary lungamachiza i-dapsonene-rifampicin kangangeenyanga ezintandathu.[3] Unyango lwe-multibacillary luqulethe i-rifampicin, i-dapsone, ne-clofazimine kangangeenyanga ezili-12.[3] Olu nyango lunikezwa mahala yi-World Health Organization.[2] Uthotho lwamanye amayeza okubulala iintsholongwane nawo anokusetyenziswa.[3] Ehlabathini jikelele ngo-2012, inani leemeko ezingapheliyo zeqhenqa lalingu-189,000 ukwehla ukusukela kwizigidi ezi-5.2 zangoo-1980.[2][5][6] Inani lezi meko zintsha lalingu-230,000.[2] Inkoliso yeemeko ezintsha zenzeka kumazwe ali-16, kunye neNdiya ethatha engaphezulu kwesiqingatha.[2][3] Kwiminyaka engama-20 eyedlulayo, izigidi zabantu ezili-16 ehlabathini jikelele zaphiliswa kwiqhenqa.[2] Zimalunga nama-200 iimeko ezaxelwayo ngonyaka ngamnye eMelika.[7]

Iqhenqa lichaphazele uluntu kangangeminyaka engamawaka-waka.[3] Isifo sithatha igama laso kwigama lesi--Latin elithi lepra into ethetha "scaly", ngelixa igama elithi "Hansen's disease" lithiywe emva kogqirha uGerhard Armauer Hansen.[3]Ukwahlula abantu ngokubabeka kwii-iindawo zabantu abaneqhenqa kusenzeka kwiindawo ezinjenge-India,[8] i-China,[9] neAfrika.[10] Nangona kunjalo, uninzi lweekoloni lwavalwa ngenxa yokuba iqhenqa alosuleli kakhulu.[10]Ukubekwa ibala ekuhlaleni bekusayanyaniswa neqhenqa ixesha elikhulu lasezimbalini, into leyo esaqhubekayo nokuba ngumqobo ekuzixeleni nasekufumaneni unyango lwangoko.[2] Abanye abantu eli gama lithi iqhenqa balithatha njengelisisenyeliso, bakhetha intetho ethi "abantu abosulelwe liqhenqa".[11] I-World Leprosy Day yaqaliswa ngo-1954 ukwazisa ngolwazi kwabo bachatshazelwe liqhenqa.[12]

  1. "New Leprosy Bacterium: Scientists Use Genetic Fingerprint To Nail 'Killing Organism'" ScienceDaily 2008-11-28 retrieved 2010-01-31 
  2. 2.0 2.1 2.2 2.3 2.4 2.5 2.6 2.7 2.8 "Leprosy Fact sheet N°101" World Health Organization Jan 2014 
  3. 3.00 3.01 3.02 3.03 3.04 3.05 3.06 3.07 3.08 3.09 3.10 3.11 3.12 Suzuki K, Akama T, Kawashima A, Yoshihara A, Yotsu RR, Ishii N (February 2012) "Current status of leprosy: epidemiology, basic science and clinical perspectives." The Journal of dermatology 39 (2): 121–9 PMID 21973237 doi:10.1111/j.1346-8138.2011.01370.x 
  4. "Hansen's Disease (Leprosy) Transmission" cdc.gov April 29, 2013 retrieved 28 February 2015 
  5. "Global leprosy situation, 2012" Wkly. Epidemiol. Rec. 87 (34): 317–28 August 2012 PMID 22919737 
  6. Rodrigues LC, Lockwood DNj (June 2011) "Leprosy now: epidemiology, progress, challenges, and research gaps." The Lancet infectious diseases 11 (6): 464–70 PMID 21616456 doi:10.1016/S1473-3099(11)70006-8 
  7. "Hansen's Disease Data & Statistics" Health Resources and Services Administration retrieved 12 January 2015 
  8. Walsh F (2007-03-31) "The hidden suffering of India's lepers" BBC News 
  9. Lyn TE (2006-09-13) "Ignorance breeds leper colonies in China" Independat News & Media archived from the original on 2010-04-08 retrieved 2010-01-31 
  10. 10.0 10.1 Byrne, Joseph P. (2008) Encyclopedia of pestilence, pandemics, and plagues Westport, Conn.[u.a.]: Greenwood Press p. 351 ISBN 9780313341021 
  11. editors, Enrico Nunzi, Cesare Massone, (2012) Leprosy a practical guide Milan: Springer p. 326 ISBN 9788847023765 
  12. McMenamin, Dorothy (2011) Leprosy and stigma in the South Pacific : a region-by-region history with first person accounts Jefferson, N.C.: McFarland p. 17 ISBN 9780786463237 
pFad - Phonifier reborn

Pfad - The Proxy pFad of © 2024 Garber Painting. All rights reserved.

Note: This service is not intended for secure transactions such as banking, social media, email, or purchasing. Use at your own risk. We assume no liability whatsoever for broken pages.


Alternative Proxies:

Alternative Proxy

pFad Proxy

pFad v3 Proxy

pFad v4 Proxy