Jump to content

Hepatitis A

Livela

Inqanawa Iliwa

ISuperheroes

Hepatitis A
Hepatitis AImeko yejondisi ebangelwa yihepatitis A
Hepatitis AImeko yejondisi ebangelwa yihepatitis A
Imeko yejondisi ebangelwa yihepatitis A
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle
ICD/CIM-10B15 B15
ICD/CIM-9070.0, 070.1 070.0, 070.1
DiseasesDB5757
MedlinePlus000278

IHepatitis A (eyayidla ngokubizwa ngokuba yihepatitis eyosulelayo) emandla isifo esosulelayo sesibindi esibangelwa yintsholongwane yehepatitis A (HAV).[1] Iimeko ezininzi ziba neempawu ezincinci okanye zingabikho kwaphela ingakumbi kwabaselula.[2] Ixesha eliphakathi kokusuleleka neempawu, kwabo bazifumanayo, liphakathi kweeveki ezimbini nezintandathu.[3] Xa kukho iimpawu ngokuqhelekileyo zihlala iiveki ezisibhozo yaye zinokuquka isicaphucaphu, ukugabha, utyatyazo, ulusu olutyheli, ifiva, nesisu esibuhlungu.[2] Abantu abamalunga ne-10–15% bayabuyelwa kwakhona ziimpawu ebudeni beenyanga ezintandathu emva kokusulelwa okokuqala.[2] Ukoyisakala okumandla kwesibindi akunakufane kubekho yaye oku kuxhaphake kakhulu kubantu abadala.[2]

Ngokuqhelekileyo isasazeka ngokutya okanye ukusela ukutya okanye amanzi angcoliswe lilindle elinesi sifo.[2] Oonokrwece abangaphekwanga ngokwaneleyo idla ngokuba ngoyena nobangela.[4] Kanti inokusasazwa ngokusondelelana nomntu onokukosulela.[2] Ngoxa abantwana bengabi nazimpawu xa basulelwa banokubosulela abanye.[2] Emva kokosulelwa kanye, umntu akaphinde asuleleke ubomi bakhe bonke.[5] Ukuze ifunyaniswe kufuneka kuhlolwe igazi njengoko iimpawu zifana nezo zezinye izifo.[2] Yenye yeevayirasi ezintlanu ezaziwayo zehepatitis: A, B, C, D, kunye E.

Ihepatitis A vaccine iyanceda ekukhuseleni.[2][6] Amanye amazwe ayincomela ngokuqhubekayo ebantwaneni nakwabo basengozini enkulu abangazange bagonywe ngaphambili.[2][7] Lubonakal lusebenza.[2] Ezinye iindlela zokuyithintela ziquka ukuhlamba izandla ukukupheka kakuhle ukutya.[2] akukho nyango lukhethekileyo, uphumle yaye amayeza isicaphucaphu okanye utyatyazo akhutshwa njengoko efuneka.[2] Ukosuleleka kudla ngokusuka ngokupheleleyo nangaphandle kwesifo esiqhubekayo sesibindi.[2] Unyango lokoyisakala ngokupheleleyo kwesibindi, ukuba kuyavela, uqhaqho-fakelo lwesibindi.[2]

Ehlabathini lonke malunga neemeko ezineempawu eziyi-1.5 lezigidi zibakho nyaka ngamnye[2] yaye lilonke bamalunga namashumi ezigidi abanokosuleleka.[8] Ixhaphake kakhulu kwimimandla yehlabathi enogutyulo olukumgangatho ophantsi nalapho kungekho manzi akhuselekileyo aneleyo.[7] Kumazwe asakhasayo malunga ne-90% yabantwana baye bosuleleleka beneminyaka eyi-10 ubudala yaye bayakhuseleka xa sele bebadala.[7] Idla ngokuqhambuka kumazwe ahambele phambili noko apho abantwana bengachanabekanga ngoxa beselula yaye bengagonywa kakhulu.[7] Ngo-2010, ihepatitis A emandla yaphumela ekufeni kwabantu abayi-102,000.[9] Usuku Lwehlabathi Lwehepatitis ibakho nyaka ngamnye ngoJulayi 28 ukwazisa ngeviral hepatitis.[7]

  1. Ryan KJ, Ray CG (abahleli) (2004) Sherris Medical Microbiology (4th ed.) McGraw Hill pp. 541–4 ISBN 0-8385-8529-9 
  2. 2.00 2.01 2.02 2.03 2.04 2.05 2.06 2.07 2.08 2.09 2.10 2.11 2.12 2.13 2.14 2.15 Matheny, SC; Kingery, JE (1 Disemba 2012) "Hepatitis A." Am Fam Physician 86 (11) pp. 1027–34; quiz 1010–2 PMID 23198670 
  3. Connor BA (2005) "Hepatitis A isitofu kumhambi womzuzu wokugqibela" Am. J. Med. 118 (Suppl 10A) pp. 58S–62S PMID 16271543 doi:10.1016/j.amjmed.2005.07.018 
  4. Bellou, M.; Kokkinos, P.; Vantarakis, A. (Matshi 2013) "Shellfish-borne viral outbreaks: a systematic review." Food Environ Virol 5 (1) pp. 13–23 PMID 23412719 doi:10.1007/s12560-012-9097-6 
  5. The Encyclopedia of Hepatitis and Other Liver Diseases Infobase 2006 p. 105 ISBN 9780816069903 
  6. Irving, GJ.; Holden, J.; Yang, R.; Pope, D. (2012) "Ukugonyelwa iHepatitis A kubantu abangazange bafumane ihepatitis A." Cochrane Database Syst Rev 7 pp. CD009051 PMID 22786522 doi:10.1002/14651858.CD009051.pub2 
  7. 7.0 7.1 7.2 7.3 7.4 "Hepatitis A Fact sheet N°328" World Health Organization July 2013 retrieved 20 February 2014 
  8. Wasley, A; Fiore, A; Bell, BP (2006) "IHepatitis A ngexesha logonyo." Epidemiol Rev 28: 101–11 PMID 16775039 doi:10.1093/epirev/mxj012 
  9. Lozano, R (Dec 15, 2012) "Umkhamo wokufa wehlabathi nowengingqi ukususela koonobangela bokufa abayi-235 kumaqela obudala ayi-20 ngo-1990 no-2010: uhlolo olulungelelanisiweyo lweGlobal Burden of Disease Study 2010" Lancet 380 (9859): 2095–128 PMID 23245604 doi:10.1016/S0140-6736(12)61728-0 

Hepatitis A

pFad - Phonifier reborn

Pfad - The Proxy pFad of © 2024 Garber Painting. All rights reserved.

Note: This service is not intended for secure transactions such as banking, social media, email, or purchasing. Use at your own risk. We assume no liability whatsoever for broken pages.


Alternative Proxies:

Alternative Proxy

pFad Proxy

pFad v3 Proxy

pFad v4 Proxy